
iBrakfesi Eyondlayo Ekuseni
BEE-SIDL'IMBADU NO MAM XOLISWA TINI
Sincokola nenina elihambe umgama omde, uzakhele igama lakhe kwihlabathi lezoshishino waza waba ngomnye wabasetyhini abahlonitshwayo eMpuma Koloni. U-Xoliswa Tini waqala uhambo lwakhe kwishishini lokuthengisa izindlu, icandelo elalinamanina ambalwa kodwa emva kwempumelelo esiyibonayo namhlanje, kukho ibali lomfazi owafuneka akholelwe kuye ngamaxesha apho abanye babengakholelwa kuye.

